1.1 Uluntu lwaseStellenbosch lwasuswa
ngenkani ngokoMthetho weMimandla yaMaqela wango1966, enye yeentsika zenkqubo
yengcinezelo. Elinye lawona maziko abaluleke kakhulu kolu luntu yayisiSikolo iLückhoff.
Olo luntu lwaxuthelwa ngenkani ilifa lalo lemveli eliyindawo ebabenokuyibanga
ngokufanelekileyo njengeyabo yokuba bayibumbele ukuba ibe yindawo yesikhumbuzo
neyethemba nanjengesixhobo semfundiso esasiya kuqhubekeka sibonakalisa
imiyalezo yethemba, yobulungisa, neyembuyekezo.
1.2 Kwixesha lolawulo ngentando yesininzi,
emva kokubhanga kwenkqubo yengcinezelo, uluntu oluthe saa, lukunye
neYunivesithi yaseStellenbosch (SU), engumnini wangoku wesi sakhiwo,
banomnqweno omkhulu wokuqalisa ukusebenza kwenjongo yezinto ezihamba phambili
kwisizwe eziluxolelaniso, imbuyekezo, nobulungisa bezentlalo ukuze
kukhawulelwane nokungabikho kobulungisa kwexesha eladlulayo nokwadalwa lixesha
lengcinezelo. Oku kuquka ukubuyiselwa kosetyenziso lwezakhiwo zeSikolo iLückhoff
kwabo babezisebenzisa kuqala eza zakhiwo ukulungiselela imfundo yabo
yasesikolweni, nabathi bamunyelwa, basuswa ngenkani baza bafuduswa ngenxa
yexesha langaphambili lengcinezelo.
1.3 Isikowuphu sabo baya kuba ngabaxhamli
bokuqala kusetyenziso kwakhona lwezakhiwo zeSikolo iLückhoff singolu hlobo
lulandelayo:
Abaxhamli bokuqala - ezo ntsapho zathi
zasuswa ngenkani zasiwa eCloetesville, EIdas Valley naseKayamandi; abo
babefunda khona, ootitshala nenzala yabo, naphi na apho bakhoyo ehlabathini;
kunye
Nabaxhamli besibini - lonke uluntu
olulolunye kummandla waseStellenbosch neziphaluka ngokubanzi.