Izilwanyana zasendle ngokolwimi lwasekhaya
INKCAZELO EBANZI NGESIVUMELWANO SOPHANDO

Uyamenywa ukuba uthathe inxanxheba kuviwano ndlebe lwe intanethi malunga nophando nzulu oluphanda ubudlelwane phakathi kwamasiko kunye nezilwanyana zasendle.
Oluphando lwenziwa ngu Fortunate Phaka osuka kwi dyunivesiti yase Mntla-Ntshona (North West) kunye nedyuvesiti yase Hasselt.  Izakuthatha  kuphela imizuzu elishumi elinesihlanu ukuphendula lemibuzo. Sicela uthathe ixesha lakho ufunde lemibuzo, eyakuthi ikucacisele nzulu malunga noluphando. Sicela ubuze nayiphi na imibuzo ongayiqondiyo malunga noluphando, ungabuza ngokuthi ughaqagamshelane nomphandi  usebenzisa ezinkcukacha zingezantsi. Kubalulekile kakhulu ukuba waneliseke, kwaye ucacelwe ukuba yintoni na injongo yoluphando nokuba ungadlala eyiphi indima. Ukuthatha kwakho inxaxheba kolu phando akusosinyanzelo. Unalo ilungelo lokuba wale ukuba yinxalenye yophando okanye uyeke nangaliphi na ixesha uziva ukuba awukwazi ukuqhubeka ngaphandle kokutshutshiswa. Abaneminyaka engaphantsi kweshumi elinesibhozo (18) abavumelekanga ukuba bangathatha inxaxheba.
Ukuba uyavuma ukuthatha inxaxheba kolu phando, kulindeleke ukuba uphendule lemibuzo ilandelayo malunga nendlela isiko lakho elinxulumene ngayo nezilwanyana zasendle. Iziphumo zoluphando zizakubhalwa kwincwadi yenzululwazi, nakwincwadi engqina ukuthweswa isidanga sobugqirha sika Fortunate Phaka. Oluphando nzulu longeza isidima sokuba kugcinwe izithethe namasiko ethu, kwaye inxaxheba yakho nempendulo zizakubhalwa kwincwadi yezithethe namasiko elizwe lase Mzantsi Afrika. Le ncwadi izakubhalwa ngolwimi lwesintu lwase Mzantsi Afrika. Ukuqinisekisa ukuba inkcukacha zakho zigcinwa ziyimfihlo, asizokubuza igama lakho. Ukuqinisekisa ukuba asiphinda-phindi umntu omnye sizokucela inombolo yomnxeba okanye i e-mail yakho, kodwa ezinkcukacha zakho asizokusebenzisa ukuba sinxulumane nawe. Sizokugcina igama lakho kunye nempendulo zakho ziyimfihlo, kwaye siyathembisa ukuba akukho mntu uzakuyazi ukuba ubuthathe inxaxheba kolu phando.



Igama lomphandi: Fortunate Mafeta Phaka
Inombolo yakhe yomnxeba: 0658563696 (WhatsApp)
Email: wild@wildvernac.org

Sign in to Google to save your progress. Learn more
Isivumelwano: nceda ukhethe phakathi koku kulandelayo, uvumelekile ukuba uzigcinele eyakho ikopi yesisivumelwano *
Ewe
Iminyaka yakho ilishumi elinesibhozo/ ingaphezulu kwishumi elinesibhozo
Ufundile konke okubhalwe ngentla
Awunyanzeliswanga ukuba uthathe inxaxheba kolu phando
Next
Clear form
Never submit passwords through Google Forms.
This content is neither created nor endorsed by Google. Report Abuse - Terms of Service - Privacy Policy